Lala ngoxolo ft. Akhona Lyrics
- Genre:Others
- Year of Release:2022
Lyrics
Wathi soze undishiye soze uhambe
Ndingayeka njani ukucinga
Ungakhululeka njani mama
Ungalala njan ngoxolo
Kunzima
Intliziyo yam ikukhalela
Okokoko
Awuphumi engqondweni yam
Awuvumi umoya wam
Ukukhulula
Umkhulula njani
Umntu okukhulisileyo
Ndikukhulule njani makhulu
Ubuhlungu owandishiya nabo
Buyandibulala
Suku ne suku
Ndiyasola inxalenye
Yomphefumlo wam
Yakulandela yangena nawe
Phantsi komhlaba
Ohhhhhhhhhhhhh
Ohhhhhhhhhhhhh
Ohhhhhhhhhhhhh
Akasekho usizimele
Akasekho kona ukufa kona
Andikholelwa ukuba
Asisayi kuphinda simbone
Ngawe nyama ona amehlo
Asisayi kuphinda siluve lona elolizwi lakhe
Lenkuthazo
Inene inene
Kufa uyivavanyile imiphefumlo yabanintsi
Yhini ukundehlutha oyena mntu bendikholose ngaye
Yhini ukundithathela umhlobo wam osentliziyweni
Intliziyo uzishiye zizingceba
Inene inene intando yomdali ibuhlungu
Kodwa ke olwakho ugqatso ulufezile
Andisolinto ngawe
Icekwa selilele nathi
Ezantsi emhlabeni
Lala ngoxolo
Ohhhhhhhhhhhhhhhhhhhhhh
Lala ngoxolo Mamvundle
Lala ngoxolo Mamvundle
Oh Mamvundle